ISIHLOKOMISO SOKUTYUMBELA ULUNTU KWIIBHODI ZABALAWULI BAMAZIKO OCHAZOMAGAMA ESIZWE

UMthetho iPan South African Language Board Act (No. 59 wowe1995, njengoko wenziwe izilungiso), kwiCandelo 8(8)(c), uvumela iPanSALB ukuba imisele amaZiko oChazomagama eSizwe (NLUs) ukuba aphuhlise izichazimagama ezilwiminye zolwimi ngalunye. IiNLU zikhuthaza ukuphuhliswa kweelwimi ngokwenza izichazimagama nezinye iimveliso ngeelwimi ezimiselwe zona ezisemthethweni eMzantsi Afrika. La maziko asebenza njengeenkampani ngokwemiqathango nezimiso zomthetho iCompanies Act (No. 71 wama2008).

 

Esi sisihlokomiso sokuba uluntu namaqumrhu okanye amazikomfundo enomsila, awezenkcubeko, nawezemveli atyumbe abantu bokuba babe kwiiBhodi zaBalawuli beeNLU ezahlukileyo (iSipedi/Sesotho sa Leboa, iSisutho, iSitswana, iSiswati, iTshivenda, iXitsonga, isiBhulu, isiNgesi, isiNdebele, isiXhosa, nesiZulu). IBhodi yaBalawuli nganye iza kukhokela iNLU yayo ukuba ivelise isichazimagama esilwiminye, nezinye ke iimveliso zochazomagama ezijolise ekukhuthazeni ukuphuhliswa nokusetyenziswa kolwimi olo ngabanikazi balo kwezemfundo nakwezinye iinkalo zobungcali obufundelwayo. Phakathi kweminye yemisebenzi, iBhodi yaBalawuli ibeka iliso kwezemali, kwezabasebenzi, nakuzo naziphi na ezinye izixhobo zokusebenza ezilungiselelwe iimveliso zochazomagama kulwimi olo, kunye nokwenza nokulungelelanisa imigaqonkqubo nezicwangciso zokusebenza ukuze kufezekiswe umsebenzi wokupapasha, ukushicilelwa, nokuthengiswa kwezichazimagama, nezinye ke iimveliso zochazomagama.

 

OKUFUNEKAYO OKANYE IZAKHONO EZIYIMFUNO

 

Umtyunjwa kufuneka abe nomdla kwimicimbi yokuphuhliswa kolwimi. Ngaphezu koko, kufuneka ubuncinane abe nesinye kwezi zakhono zilandelayo:
1. Ulwazi ngezochazomagama (ukwenziwa kwezichazimagama), okusisakhono esingundoqo,
2. Izakhono zokulawula nezokukhokela,
3. Izakhono zolawulomali,
4. UIwazi lwezomthetho, okanye
5. Izakhono zokwazisa banzi,
6. Ulwazi ngeNkqubo yezobuChwepheshe
7. UbuChwepheshe ngezelwimi

 

KANANJALO, kufuneka umtyunjwa aluthethe kwinqanaba lolwimi lwebele ulwimi atyunjelwa lona

 

Izingeniso ngabatyunjwa mazifakwe ngokubhaliweyo kwaye mazibandakanye ezi nkcukacha zilandelayo:
• Itayitile, amagama, idilesi (eyokuhlala neyeposi), iinkcukacha zonxibelelwano (i-imeyile nenombolo yomnxeba) zalowo utyunjwayo, kwakunye nembali yamava efinyeziweyo (CV) yakhe ebude bungadlulanga kumaphepha amabini. I-CV yomtyunjwa kufuneka ibandakanye amagama, inombolo yesazisi (ID), isini, iinkcukacha zoqhakamshelwano, (i-imieyile nenombolo yomnxeba), idilesi (eyokuhlala neyeposi), igama lephondo ahlala kulo, kwakunye nenkcaza yamava akhe efinyeziweyo, ulwazi,
nezakhono ezifanelekileyo kulwimi olo okanye inkcubeko yalo.
• Ikopi yeID neyeziqinisekiso zemfundo ezingqinisiweyo.
• Naziphi na ezinye iinkcukacha ezixhasayo, kubandakanya amagama neenkcukacha zonxibelelwano zabantu ababini abanongqina. Omnye kuloo mangqina kufuneka abe ngowolwimi olo, wenkcubeko, wemveli, okanye wombutho woluntu okanye iziko.
• Ileta etyikitywe ngumtyumbi ezathuza ngokulungela komtyunjwa ukwenza igalelo kuphuhliso nokusetyenziswa kolwimi olo
• Ifomu yotyumbo egcwalisiweyo yatyikitywa ngumtyumbi, umxhasi wakhe, nomtyunjwa lowo.

 

Utyumbo alusayi kwamkelwa lungenazo ezi nkcukacha zichazwe apha.
Iinkcukacha ezithe vetshe ngenkqubo nangezinto ezifunwayo ziyafumaneka kwiwebhusayithi yePanSALB www.pansalb.org okanye uqhakamshelane nalo ulandelayo:
Nksz Nonkululeko Mkhize Tel: (012) 341 9638 I-imeyile: nonkululeko@pansalb.org
Iziphakamiso ngabatyunjwa mazithunyelwe kulo ulandelayo: IGosa loLawulo eliyiNtloko, Ingqalelo yeCandelo oPhuhliso nokuSetyenziswa
kweeLwimi IBodi yeeLwimi yoMzantsi Afrika Ngeimeyile: nominations-nlu@pansalb.org Ngeposi: Private Bag X08, Arcadia, 0007
Ngesandla: 5th Floor, Provisus Building, 523 Stanza Bopape Street, Arcadia, 0083
Umhla wokuvala: 23 KweyeMdumba 2024
Nceda uqaphele ukuba iziphakamiso ezithunyelwe ngefeksi azizukwamkelwa.

 

 

NLUs Call for nomination – isiXhosa

isXhosa – Nomination Form for NLUs

Share:

Facebook
Twitter
Pinterest
LinkedIn

Related Posts