Ubusazi na?

Lwandile Maswana

Ngomhla we16 kwinyanga yeSilimela we1976 eSoweto kwabakho uvukelo  mbuso lulutsha olwasasazeka kulo lonke eli lizwe kwimeko yezopolitiko eyayigquba ngelo xesha kweli loMzantsi Afrika. Isiganeko esabangela olu vukelo kukungalandelwa kwemigaqonkqubo karhulumente wocalucalulo okwakhokelela ekumiselweni koMthetho weMfundo yabaNtsundu wowe1953.

Ubusazi na ukuba ukuvuka koMbutho wokuZingca ngeBala eliNtsundu  kunye nokusekwa koMbutho waBafundi baseMzantsi Afrika kwaphakamisa ulwazi kwezopolitiko kubafundi abaninzi ngelixa abanye bajoyina umfutho wemvakalelo echasene nenkqubo yoCalucalulo phakathi koluntu nabafundi.

Apho ulwimi lwesiBhulu lwenziwa isinyanzeliso njengolwimi lokufundisa ezikolweni ngowama1974, apho abafundi abantsundu baqalisa ukumanyana bodwa. 

Lo mthetho ka1953 wavula ubandlululo kwinkxasomali yemfundo yaba baNtsundu, ekuchithweni kwemali karhulumente ngokubanzi. Abantu abantsundu babezihlawulela imali yezifundo ngokwabo, nto leyo eyayisenza ukuba kusetyenziswe imali encinane kakhulu kubafundi abantsundu xa kuthelekiswa nabantwana abamhlophe.

UMthetho ongoLwandiso lweMfundo yaseYunivesithi, uMthetho wama45 ka1959, waphelisa imfundo yabafundi abantsundu kwiiyunivesithi zabafundi abamhlophe.

Into eyenzekayo yaba kukuba abafundi abakwibanga eliphakamileyo eSoweto baqalise uqhankqalazo lokufuna imfundo engcono ngomhla we16 kweyeSilimela ngowe1976, apho kwadutyulwa khona abantu abangaphaya kwama575 ngokweKomishini kaCillie eyamiselwa nguRhulumente woCalucalulo. Olu suku lwaziwa njengesikhumbuzo sabo bahlukana nobomi babo nokunika imbeko kulo lonke ulutsha olwachaphazelekayo. Ulutsha oluzalwe emva koRhulumente wocalucalulo luthi mawuphile umoya kaMnu. Steve Biko, Mnu. Hector Pieterson, Mnu. Solomon Mahlangu, namaqhawe namaqhawekazi amaninzi athi anikela ngobomi babo ukuze sizuze inkululeko. Umbuzo ukile uthi, ingaba ulutsha lwalulwela ukusetyenziswa kwesiBhulu ukuqinisekisa ulongamelo lwesiNgesi okanye iilwimi zabo?

Share:

Facebook
Twitter
Pinterest
LinkedIn

Related Posts

Ubusazi na?

Lwandile Maswana Ngomhla we16 kwinyanga yeSilimela we1976 eSoweto kwabakho uvukelo  mbuso lulutsha olwasasazeka kulo lonke eli lizwe kwimeko yezopolitiko eyayigquba ngelo xesha kweli loMzantsi Afrika.

 Sonke singama-Afrika!

NguLwandile Maswana Afrika, izwe Lethu; mmandla wookhokho bethu;
Sivuka namhlanje sizingca ngawe, sibuk’ ubutyebi bakho; Ungumnombo neengcambu zethu.
Siphakamis’ isihomo sakho ngolu suku, Afrika. Siphakamis’ igama lakh’

INgqungquthela yeeLwimi yeSizwe

NguLwandile Maswana INgqungquthela yeeLwimi yeSizwe, ebibanjelwe eKapa, eMzantsi Afrika, ngomhla we16-17 kweyoKwindla 2026, idibanise abachaphazelekayo ngenjongo yokuphuhlisa ukusetyenziswa ngokulinganayo kweelwimi ezisemthethweni ezili12, kuquka noLwimi lweMiqondiso