Ubusazi na?

Lwandile Maswana Ngomhla we16 kwinyanga yeSilimela we1976 eSoweto kwabakho uvukelo  mbuso lulutsha olwasasazeka kulo lonke eli lizwe kwimeko yezopolitiko eyayigquba ngelo xesha kweli loMzantsi Afrika. Isiganeko esabangela olu vukelo kukungalandelwa kwemigaqonkqubo karhulumente wocalucalulo okwakhokelela ekumiselweni koMthetho weMfundo yabaNtsundu wowe1953. Ubusazi na ukuba ukuvuka koMbutho wokuZingca ngeBala eliNtsundu  kunye nokusekwa koMbutho waBafundi baseMzantsi Afrika kwaphakamisa ulwazi […]

 Sonke singama-Afrika!

NguLwandile Maswana Afrika, izwe Lethu; mmandla wookhokho bethu;
Sivuka namhlanje sizingca ngawe, sibuk’ ubutyebi bakho; Ungumnombo neengcambu zethu.
Siphakamis’ isihomo sakho ngolu suku, Afrika. Siphakamis’ igama lakh’ elinesithozela, Afrika. Abantwana bakho ngebebumbene kambe bagxeleshelene.
Amaqhawe neembokotho ziphum’ eAfrika. Makube luvuyo, uxolo nothando kwizwekazi
Siyazingca ngawe, Afrika! Sithi “Nkosi Sikelel’ iAfrika, Maluphakanyisw’ uphondo lwayo”.
IAfrika likhaya lethu lomanyano; Kwezenkcubeko, imidlalo, izambiwa […]

INgqungquthela yeeLwimi yeSizwe

NguLwandile Maswana INgqungquthela yeeLwimi yeSizwe, ebibanjelwe eKapa, eMzantsi Afrika, ngomhla we16-17 kweyoKwindla 2026, idibanise abachaphazelekayo ngenjongo yokuphuhlisa ukusetyenziswa ngokulinganayo kweelwimi ezisemthethweni ezili12, kuquka noLwimi lweMiqondiso loMzantsi Afrika. Ibiququzelelwe liSebe lezeMidlalo, uBugcisa neNkcubeko (DSAC), iBhodi yeeLwimi yoMzantsi Afrika (PanSALB), kunye neSADiLaR. Umsitho lo ubujonge ukudala isicwangcisoqhinga solwimi esinye, ukukhuthaza iilwimi zemveli kwiinkalo zedijithali, kunye nokomeleza amalungelo […]

Iwile enye yeengcaphephe yeetoliki zolwimi isiXhosa nesiBhulu yePhondo leNtshona Koloni!

NguLwandile Maswana Kulusizi ukufumana iindaba ezibuhlungu zokunduluka kukaMnu. John Ntshibilikwana. UMnu. Ntshibilikwana ebesaziwa njengomntu onothando netoliki ezimeleyo enamava kakhulu. Usebenzele amasebe ephondo neSixeko seKapa iminyaka engaphezulu kwamashumi amabini. UMnu. Ntshibilikwana ebeyitoliki enobuchule ezithetha ngobuchule iilwimi ezintathu ezisemthethweni kweli phondo. Utolike kwiindibano zeBhunga, kwiindibano zoluleko, kwiindibano zamabhungana nakwiminyhadala yokuthatha inxaxheba yoluntu. Usweleke eneminyaka engamashumi alithoba ubudala. […]

UMBHIYOZO WOSUKU LOLWIMI LWENKOBE LAMAZWE NGAMAZWE

Umsitho wokukhumbula nokuvuyisana noSuku loLwimi lweNkobe kwiLizwe liphela ububanjelwe kwi-Iziko South African Museum ngomhla wama21 kwinyanga yoMdumba 2026. Lo msitho ubuzinyaswe yiOfisi yeBhodi yoLwimi kwiPhondo laseNtshona Kapa (PanSALB), iSebe lezeMfundo kwiNtshona Kapa (WCED), Iziko South African Museums, iSebe leNkcubeko neMidlalo kwiNtshona Kapa, iYunivesiti yobuChwephesha yaseKapa (CPUT), kunye neYunivesiti yaseKapa. UNks. Thubelani, ibambelamlawuli kwezemfundo kwiIziko South […]

Ibiyinkwa nenkwa kwiFunda Mzantsi ye15

NguLukhanyo Sigonyela Bekusindwe ngobethole kukhuphiswano lweFunda Mzantsi kulo nyaka eGeorge. Ibisisidlo sokungcamla nokuphakula ngokwenene kubuncwane beengcamango. Kolu khuphiswano ibiyinkwa nenkwa, kunyuka umqantsa, elowo nalowo ezixelele ukuba akazukugoba phundo nakanye, kuxolelwe ukuba kufe inja iyolahlwa. Ukhuphiswano iFunda Mzantsi ngumsitho osindlekwa yiNational Library of South Africa, uMasipala waseGeorge, kunye neBhodi yeLwimi yoMzantsi Afrika. Ngumsitho obakho minyaka le, kangangokuba […]

UGoogle noPanSALB bakhulula Ingcaciso Yamagama Asetyenziswa kwi-AI ngesiZulu, ngesiXhosa nangesiBhulu

ERhawutini, 15 Okthoba 2025 – uGoogle, ebambisene nePan South African Language Board (PanSALB), ukhulule iNgcaciso yamaGama entsha efumaneka ngesiZulu, isiXhosa nangesiBhulu, ebonelela izigidi zabemi boMzantsi Afrika ngezixhobo zolwimi ezibanceda basebenzise ubukrelekrele bobugcisa ngolwimi lwabo lwenkobe. Le ngcaciso yamagama ikhululwe kwiiofisi zikaGoogle eziseMzantsi Afrika eRhawutiini, apho abameli bePan South African Language Board, iSebe lezeMidlalo, uBugcisa neNkcubeko, […]

Siyalila kwaye sibindekile Madiba

UMzi kaXhosa uyibona seyigobele esandleni sisithwakumbe sokushiywa nguMadiba, uSopitsho, uYemyem, uNgqolomsila uvela bambhentsele, unyana kaNosajini. Lowo ke asiwumbi ingenguye uNjingalwazi Peter Tshobisa Mtuze. Le yinkunkqele yenjanjalarha kasozilwimi, inkcubabuchopho, umbhali, itoliki, ichaluza lolwimi, umsasazi kwakunye nengqondi. Kambe ke kunzima ukumchaza ngokukuko lo mphakathi, unokuchazwa kwaziingqondi ezifana naye. Le yindembelele, ibiliphakathi elikhulu leKomkhulu leSizwe sikaXhosa kangangendlela awusebenzele […]

Upapasho lwePanSALB ngosuku lwamalungelo eelwimi ngomhla wama20 kweyoKwindla ngowama2024

Amalungelo olwimi ngamalungelo oluntu   UMzantsi Afrika uqwalasela inyanga yoKwindla njengeNyanga yamaLungelo oLuntu, kwaye esi sikhumbuzo salo nyaka sibanjwa phantsi komxholo othi “ImiNyaka engaMashumi amaThathu yokuHlonipha nokuPhakanyiswa kwamaLungelo oLuntu”. UMgaqosiseko welizwe uqinisekisa abemi balo ngamalungelo aliqela, kuquka nelungelo lokusebenzisa ulwimi abalukhethayo. Ngelishwa, eli lungelo lisoloko lingahoywa, ngaphandle kokubaluleka kwalo ekubumbeni amandla ezopolitiko nawezentlalo noqoqosho. Ulwimi […]