NguLukhanyo Sigonyela
Bekusindwe ngobethole kukhuphiswano lweFunda Mzantsi kulo nyaka eGeorge. Ibisisidlo sokungcamla nokuphakula ngokwenene kubuncwane beengcamango. Kolu khuphiswano ibiyinkwa nenkwa, kunyuka umqantsa, elowo nalowo ezixelele ukuba akazukugoba phundo nakanye, kuxolelwe ukuba kufe inja iyolahlwa.
Ukhuphiswano iFunda Mzantsi ngumsitho osindlekwa yiNational Library of South Africa, uMasipala waseGeorge, kunye neBhodi yeLwimi yoMzantsi Afrika. Ngumsitho obakho minyaka le, kangangokuba lo nyaka ibingunyaka weshumi elinesihlanu (15). IPanSALB ibiqala ukuba ibe yinxalenye yalo msitho ngokusesikweni kulo nyaka. IPanSALB izijule ijacu ngokuthi ifake igxalaba kwaye iphose esivivaneni ngokuthi iqinisekise ukuba abagwebi baphuma kuyo, abantu abasuka kwiinkalo ngeenkalo zolwimi ukuquka oosozilwimi, amalungu neengcali kulwimi. Ezi ngcali ngamalungu eebhodi zeelwimi zePanSALB, amalungu eekomiti zolwimi zamaphondo, kunye nabahleli abaziintloko kumaziko ezochazomagama.





Kolu khuphiswano, minyaka le, soloko uzivela nje ukuba kutaka iintlantsi ngokwemeko abantu abaziva bekuyo. Bavuseleleka nangakubi xa kuthe gqolo imvumi zihlabelela iingoma zokuqinisa nokuntlantlatha amadolo abathathinxaxheba. Ukhuphiswano lunezintlu ezine ezikukuphendla incwadi, ukufunda ungazilungiselelanga, upelo nengxoxompikiswano.
Kwikqubo yokuvula ngokusesikweni, uMphathiswa weeNkonzo zoLuleko, oHloniphekileyo Pieter Groenewald, ube nombulelo ongazenzisyo ngendlela iPanSALB ethe yaphipha ngayo uFunda Mzantsi ngokuthi iqinisekise ukubeka olu khuphiswano kwizinga eliphezulu ngokuthi ize nabagwebi abangena chaphaza nabazingcali kulwimi. Ukwaleke umsunduli ngokuthi kulo nyaka kubandakanywe nolwimi iNama. Kwiminyaka elandelayo nezithulu ziza kuba yinxelenye njengoko iPanSALB ithembisile. UMphathiswa uthethe into engqinwe ngobemele iPanSALB kumsitho wokuvula ukhuphiswano, uSozilwimi oyiNtloko kwiPhondo leNtshona Koloni, uMnu Oliver Maasdorp, otyatyadule ngendlela ulwimi oluphucula ngayo ukuhlalisana koluntu ngendlela entle nokuphuhliswa kweelwimi, esithi olu khuphiswano luhambisana ngokuthe ngqo noxanduva lwePanSALB lokukhuthaza ukusetyenziswa kweelwimi ezisemthethweni ngobuninzi bazo kunye nezo zinikwa ingqwalasela nguMgaqosiseko ezifana neNama.






IFunda Mzantsi ibonakalise elubala ukuba abo baseluvalelweni ngenjongo yokubaluleka banalo ithuba lokuba balungise iimeko zobomi babo njengoko benikwa ithuba lokulungisa iziphoso zabo. Olu khuphiswano lubonakalise ncakasana ukuba oko kungenzeka.
USekelamphathiswa wezoluleleko, oHloniphekileyo uLindiwe Ntshalintshali, undulule lonke uluntu, abasebenzi bakarhlulumente, abagwebi bePanSALB, oonogada bamabanjwa, izikhakhamela kunye neendwendwe ezibekekile. Udlulise amazwi akhuthazayo nabongozayo ukuba abantu, njengokuba begoduka, babe ngoonozakuzaku beFunda Mzantsi, kananjalo babe ngoonozakuzaku namaqhaji eelwimi. Camagu!
Lungisani sizwe. Lolani izitshetshe. Iintsana emqolo. Iinqawa mazibe sezandleni. Abadlezana mabaphume efukwini. Nilungele unyaka ozayo!!!



