Ibiyinkwa nenkwa kwiFunda Mzantsi ye15

NguLukhanyo Sigonyela Bekusindwe ngobethole kukhuphiswano lweFunda Mzantsi kulo nyaka eGeorge. Ibisisidlo sokungcamla nokuphakula ngokwenene kubuncwane beengcamango. Kolu khuphiswano ibiyinkwa nenkwa, kunyuka umqantsa, elowo nalowo ezixelele ukuba akazukugoba phundo nakanye, kuxolelwe ukuba kufe inja iyolahlwa. Ukhuphiswano iFunda Mzantsi ngumsitho osindlekwa yiNational Library of South Africa, uMasipala waseGeorge, kunye neBhodi yeLwimi yoMzantsi Afrika. Ngumsitho obakho minyaka le, kangangokuba […]