ISIHLOKOMISO SOKUTYMBELA ULUNTU UKUBA LUBE NGAMALUNGU EEKOMITI YEELWIMI LEPHONDO (PLC) YEPanSALB, NORTH WEST

UMphathiswa weSebe lezoBugcisa, iNkcubeko, ezeMidlalo noLonwabo libambisene neBhodi yeeLwimi yoMzantsi Afrika (PanSALB) imema uluntu kuchongo lwabalungele ukuba ngamalungu eKomiti yoLwimi ePhondweni. Abatyunjwa kufuneka bathethe iilwimi ezisemthethweni zephondo abatyunjelwa kulo, kubandakanya iilwimi zesiqhakankcu (ezamaKhoi namaSan), uLwimi lweMiqondiso loMzantsi Afrika nezinye iilwimi ezililifa lemveli kwiphondo njengoko kunikwe ingqalelo kwicandelo 6(5) loMgaqosiseko. Ixesha lokuba kwiPLC yiminyaka emihlanu ukususela kumhla wokumiselwa ngokusesikweni yiPanSALB.

Umtyunjwa kumele abe noku kulandelayo:

1. Aluthethe njengolwimi lokuqala ulwimi olusemthethweni atyunjelwa lona kwiphondo. Abe nomdla kuphuhliso nasekusetyenzisweni kweelwimi ezikuMgaqosiseko. Abe ngummi woMzantsi Afrika kwaye ahlale kwiphondo lasemNtla Ntshona.

2. Abe nolwazi oluvisayo ngazo zonke iilwimi ezisemthethweni eMzantsi Afrika zephondo elo atyunjelwa kulo, kubandakanya:
2.1 iilwimi zesiqhakancu (ezamaKhoi namaSan)
2.2 uLwimi lweMiqondiso loMzantsi Afrika, kwakunye
2.3 neelwimi zezeNkolo, neziliLifa leMveli

3. Umtyunjwa kufuneka abe nomonde nomdla wokwenza igalelo kuphuhliso lolwimi ngokuthi anike iingcebiso kwezi nkalo zilandelayo:
3.1 Kwezokuguqulela nokutolika kwiilwimi zephondo, kubandakanya nokusungula, ukudibanisa nokulolonga iinkcukacha ezingeelwimi ezo.
3.2 Kwezemigaqonkqubo yeelwimi nasekuqulunqweni kwemithetho echaphazela iilwimi, ukusetyenziswa kwazo nokuzibeka esweni.
3.3 Kwezochazomagama nasekuphuhlisweni kwesigama.
3.4 Kwezophando ngemiba yeelwimi.
3.5 Ukubeka esweni imiba yamalungelo eelwimi kwiphondo (ulwazi ngezomthetho luya kumbeka ethubeni elihle).

4. Isicelo somtyunjwa kufuneka sikhatshwe ngala maxwebhu alandelayo:
4.1 Ikopi yeSazisi (ID) saseMzantsi Afrika engqinisiweyo.
4.2 Ikopi zeziqinisekiso zemfundo kwiinkalo zeelwimi nezophando ezingqinisiweyo.
4.3 Imbali yamava efinyeziweyo (CV).
4.4 Ifomu yokutyumba ezaliswe ngokupheleleyo. Ifomu ifumaneka kule webhusayithi www.pansalb.org okanye icelwe ngokuthe ngqo kwiOfisi yePhondo loMntla Ntshona ngokweenkcukacha zoqhagamshelwano kwiwebhusayithi yePanSALB okanye kwiSebe lezoBugcisa,iNkcubeko, iMidlalo noLonwabo: iOfisi yabaLawuli beHRD, Gaabomotho Building. Kwakhona, iifom zinokuziswa ngesandla kwezi ofisi zimbini.

 

Malunga nayo nayiphi na imibuzo, nceba uqhagamshelane noNksk. KB Maleme apha panw@oansalb.org okanye noMnu Neo Baholo apha neobaholo1@gmail.com

 

Umhla wokuphelelwa kokufakwa kwezicelo:
16 EyeDwarha 2024
www.pansalb.org

 

PDF

Share:

Facebook
Twitter
Pinterest
LinkedIn

Related Posts

Ubusazi na?

Lwandile Maswana Ngomhla we16 kwinyanga yeSilimela we1976 eSoweto kwabakho uvukelo  mbuso lulutsha olwasasazeka kulo lonke eli lizwe kwimeko yezopolitiko eyayigquba ngelo xesha kweli loMzantsi Afrika.

 Sonke singama-Afrika!

NguLwandile Maswana Afrika, izwe Lethu; mmandla wookhokho bethu;
Sivuka namhlanje sizingca ngawe, sibuk’ ubutyebi bakho; Ungumnombo neengcambu zethu.
Siphakamis’ isihomo sakho ngolu suku, Afrika. Siphakamis’ igama lakh’

INgqungquthela yeeLwimi yeSizwe

NguLwandile Maswana INgqungquthela yeeLwimi yeSizwe, ebibanjelwe eKapa, eMzantsi Afrika, ngomhla we16-17 kweyoKwindla 2026, idibanise abachaphazelekayo ngenjongo yokuphuhlisa ukusetyenziswa ngokulinganayo kweelwimi ezisemthethweni ezili12, kuquka noLwimi lweMiqondiso