ISIHLOKOMISO SOKUTYMBELA ULUNTU UKUBA LUBE NGAMALUNGU EEKOMITI YEELWIMI LEPHONDO (PLC) YEPanSALB, NORTH WEST

UMphathiswa weSebe lezoBugcisa, iNkcubeko, ezeMidlalo noLonwabo libambisene neBhodi yeeLwimi yoMzantsi Afrika (PanSALB) imema uluntu kuchongo lwabalungele ukuba ngamalungu eKomiti yoLwimi ePhondweni. Abatyunjwa kufuneka bathethe iilwimi ezisemthethweni zephondo abatyunjelwa kulo, kubandakanya iilwimi zesiqhakankcu (ezamaKhoi namaSan), uLwimi lweMiqondiso loMzantsi Afrika nezinye iilwimi ezililifa lemveli kwiphondo njengoko kunikwe ingqalelo kwicandelo 6(5) loMgaqosiseko. Ixesha lokuba kwiPLC yiminyaka emihlanu ukususela […]