INGCEBISO NGOPAPASHO LWENDABA
UKUKHULULWA KWANGOKO
23 EYOMDUMBA 2023, EPITOLI
IPANSALB IZAKUBE ISINGATHE UKHUPHISWANO LWESIXHOSA LWEBANGA LESI4
Unyaka wokubhiyozela uSuku lweHlabathi loLwimi lweNkobe (IMLD), iBhodi yeeLwimi zoMzantsi Afrika (iPanSALB) iofisi yephondo leNtshona Koloni ibambisene neZiko loLondolozo lweMbali yoMzantsi Afrika, iYunivesithi yeTekhnoloji yase-Cape Peninsula, iKomiti yeeLwimi yaseNtshona Koloni kunye noRhulumente weNtshona Koloni. ziza kusingatha ukhuphiswano lopelomagama lwesiXhosa lweBanga lesi4 eGarden Court, eNelson Mandela Boulevard eNtshona Koloni ngoMgqibelo wama 25 kweyomDumba 2023
Olu khuphiswano luququzelelwe phantsi komxholo othi “Imfundo ngeelwimi ezininzi iyimfuneko ekuguquleni imfundo” ukuze kuphuculwe izakhono zokufunda zabafundi, kukhuliswe ukuzithemba kwabo nokuphucula izakhono zabo zokukhuphisana.
Olu khuphiswano lujolise ekukhuthazeni iyantlukwano yeelwimi kunye nokusetyenziswa kweelwimi ezininzi njengento ebalulekileyo kuphuhliso oluzinzileyo.
KUMENYWA AMALUNGU OSASAZO UKUBA ABEYINGXENYE YOLU KHUPHISWANO NGALO MHLA ULANDELAYO:
UDate : Saturday, 25 February 2023
Indawo : e-Garden Court Nelson Mandela Boulevard, eNtshona Koloni
Ixesha : 08h00
Ungaphendula ku: Mnu Siphiwe Mabasa, siphiwe@pansalb.org okanye kuNks Musa Sekese, musa@pansalb.org
Imibuzo ngoonondaba: Nks Ntombentle Huluhulu (iNtloko: kwiiNtengiso noNxibelelwano) inombolo yomnxeba: 061 581 5216