IPanSALB IBHIYOZELA UKUGQIBA IMINYAKA 200 ISIXHOSA SAQALAYO UKUBHALWA

INGXELO KOONONDABA   

MAYIKHUTSHWE NGOKO NANGOKO              

04 MSINTSI 2023, EPITOLI

 

IPanSALB IBHIYOZELA UKUGQIBA IMINYAKA 200 ISIXHOSA SAQALAYO UKUBHALWA

Unyaka wama2023 wenza iminyaka engma200 isiXhosa saqalayo ukubhalwa, ulwimi oluthethwa ngabantu abaphantse babe8,154,258 eMzantsi Afrika. Ngomhla we6 kweyoMsintsi 2023 iBhodi yeeLwimi yoMzantsi Afrika (PanSALB) iza kwenza isikhumbuzo sale mpumelelo iyimbali ngokuthi ithathe uhambo lokunyathela ezinyaweni zophuhliso lwesiXhosa. Oku kuza kuqala eLovedale Press apho imibhalo yesiXhosa yokuqala yathi yashicilelwa khona, ze kuyiwe kwaNokholeji (Yunivesithi yaseFort Hare) apho imisebenzi yovelisosigama solwimi isiXhosa yathi yaqalwa khona liZiko loChazomagama esiXhosa leSizwe elizinze kweli zikomfundo. Olu hambo luza kuququnjelwa ngenkqubo emfutshane eza kubanjelwa kwiNdlu yoWisomthetho yePhondo leMpuma Koloni, nkqubo leyo kulindelwe ukuba izinyaswe ngoosopolitiki bephondo abanoxanduva lwemicimbi yeelwimi. Le nkqubo iza kube ikhokelwa nguMnu. Lance Schultz oyiCEO yePanSALB, uMEC weSebe lezeMidlalo, uLonwabo, uBugcisa neNkcubeko, kwakunye noSekelasomlomo weNdlu yoWisomthetho yePhondo leMpuma Koloni.

Kwiziko lamaMishinari iLovedale Missionary Institute, eDikeni, eMpuma Koloni, iziko elasungulwa kwiminyaka eziinkulungwane ezimbini ezadlulayo, kulapho imibhalo yokuqala kwiilwimi zabantsundu yathi yashicilelwa khona eMzantsi Afrika. Ukubhalwa ngokusesikweni kolwimi isiXhosa kwaqala ngonyaka 1823, emva kwemigudu yangaphambi koko ekuzeni kuphela kweminyaka ye1700. Lo mcimbi ke awujolisanga nje ekuqapheleni uphuhliso lolu lwimi nakwimbali yeLovedale Press, koko ukwajolise ekukhangeleni amaqhinga afanelekileyo ukulondoloza ubutyebi benkcubeko nobolwimi obulilifa lala maziko, butyebi obo buthe banegalelo elimandla kuphuhliso lolwimi isiXhosa ngokubhaliweyo nakuncwadi ngokubanzi.

IsiXhosa lulwimi lwesibini olusetyenziswa sisininzi eMzantsi Afrika, sithethwa ikakhulu eMpuma Koloni, ze sisetyenziswe li14 leepesenti kwinani labantu beli lizwe. UMnu. Lance Schultz oyiCEO yePanSALB uvakalise ukuba esi sikhumbuzo silithuba lokuthathela ingqalelo umsebenzi omkhulu owenziweyo ukuphuhlisa ulwimi isiXhosa. Ubethelela ukuba lo ngumsebenzi obaluleke ngokungenakulinganiswa ukuqinisekisa ukuqhutyelwa phambili kokusetyenziswa ngobulungisa kwazo zonke iilwimi zomgquba kweli lizwe nokuvala umsantsa phakathi kweelwimi zomgquba nesiNgesi kwezopapasho, msantsa lowo udinga ukuvalwa ngokuxhobisa bonke abathetha nababhala ngeelwimi zomgquba.

 

ISIPHELO

_________________________________________________________________________________

Ikhutshwe egameni lePanSALB  : Ntombentle Huluhulu

INtloko yezoKwazisa noNxibelelwano

Iselula: 061 581 5216

Share:

Facebook
Twitter
Pinterest
LinkedIn

Related Posts