IPANSALB IPHAWULA USUKU LOKUGUQULELA LWAMAZWE NGAMAZWE KWIYUNIVESITHI YESOL-PLAATJE

INGXELO KOONONDABA  

MAYIKHUTSHWE NGOKO NANGOKO             

10 EYEDWARHA 2023, EPITOLI

 

IPANSALB IPHAWULA USUKU LOKUGUQULELA LWAMAZWE NGAMAZWE KWIYUNIVESITHI YESOL-PLAATJE

IBhodi yeeLwimi Zonke yasemZantsi Afrika (iPanSALB) iza kube iphawula uSuku loGuqulela laMazwe ngaMazwe kwiDyunivesithi yaseSol-Plaatje eKimberly, eMntla Koloni, ngoLwesine, umhla we12 kweyeDwarha ngowama2023. Lo msitho ubanjwe ngentsebenziswano neSebe lezeMidlalo, ubuGcisa neNkcubeko, kunye neYunivesithi yaseSol-Plaatje.

Injongo yesi siganeko kukukhuthaza iyantlukwano yeelwimi neelwimi ezininzi ngokukhuthaza ukusetyenziswa kweenkonzo zokuGuguqulela nokuTolika. Ikwanenjongo yokunika imbeko kumsebenzi wabaguquleli, iingcali zesigama, iitoliki, kunye namagcisa olwimi aye awisa izithintelo zeelwimi aze avumele uncwadi olukhulu ukuba lunanditshwe ngokubanzi. Lo msitho ubanjwe phantsi komxholo othi “Uguqulo lutyhila iindidi ezininzi uluntu oluzizo”. Ujonge ukukhuthaza abafundi abaziqhelanisa nolwimi ukuba basebenzise iilwimi zabo ukugcina amasiko neembali zabo.

Lo mnyhadala kwakhona uza kuqaqambisa iinguqulelo ezintsha zeteknoloji ezithathe iinguqulelo zazisa kumgangatho ophezulu kakhulu nophucuke kakhulu. Oku kuquka ubuchwepheshe bolwimi lwabantu obuxhaswa ngemali liSebe lezeMidlalo, ubuGcisa neNkcubeko. Ezi nkqubela zixhasa abaguquleli kumsebenzi wabo ngokubanika iinguqulelo ezenziwe ngekhompyutha, iiglosari kunye neenkumbulo zokuguqulela. Oku kuququzelela ukwenziwa komsebenzi ngesantya, ukungaguquguquki, kuze, ekugqibeleni, kuqinisekise ukwenziwa komsebenzi okumgangatho ophezulu.

Ukuphawulwa koSuku lweHlabathi lweNguqulelo kuyinxalenye yeenzame eziqhubekayo zeziko zokugxininisa ukuba ukusebenza koguqulo-lwimi nokusebenza ngezeelwimi, ngokubanzi, kuguquguquka rhoqo ukuphendula kwimeko eguqukayo.

–Isiphelo–

________________________________________________________________________________

Ikhutshwe egameni lePanSALB ngu-: Ntombentle Huluhulu

INtloko yezoKwazisa noNxibelelwano

Iselula : 061 581 5216

Share:

Facebook
Twitter
Pinterest
LinkedIn

Related Posts