ISIHLOKOMISO SOKUTYUMBELA ULUNTU KWIIBHODI ZABALAWULI BAMAZIKO OCHAZOMAGAMA ESIZWE

UMthetho iPan South African Language Board Act (No. 59 wowe1995, njengoko wenziwe izilungiso), kwiCandelo 8(8)(c), uvumela iPanSALB ukuba imisele amaZiko oChazomagama eSizwe (NLUs) ukuba aphuhlise izichazimagama ezilwiminye zolwimi ngalunye. IiNLU zikhuthaza ukuphuhliswa kweelwimi ngokwenza izichazimagama nezinye iimveliso ngeelwimi ezimiselwe zona ezisemthethweni eMzantsi Afrika. La maziko asebenza njengeenkampani ngokwemiqathango nezimiso zomthetho iCompanies Act (No. 71 wama2008). […]

ISIHLOKOMISO SOKUTYUMBELA ULUNTU KWIIBHODI ZEELWIMI ZESIZWE (NLBs)

IBhodi yeeLwimi yoMzantsi Afrika (PanSALB) yenza isimemo ukuba abantu, ingakumbi abo banxulumene namaqumrhu okanye amazikomfundo enomsila, awezenkcubeko, awezemveli nawoluntu ngokubanzi, abanomdla kwimicimbi yeelwimi, ukuba batyumbe abantu abanokunyulelwa kwiiBhodi zeeLwimi zeSizwe (NLBs) zePanSALB zeelwimi ezisemthethweni (iSipedi/Sesotho sa Leboa, iSisutho, iSitswana, iSiswati, iTshivenda, iXitsonga, isiBhulu, isiNgesi, isiNdebele, isiXhosa, isiZulu, noLwimi lweMiqondiso loMzantsi Afrika) neelwimi zesiQhakancu (iilwimi zamaKhoe […]