Upapasho lwePanSALB ngosuku lwamalungelo eelwimi ngomhla wama20 kweyoKwindla ngowama2024

Amalungelo olwimi ngamalungelo oluntu UMzantsi Afrika uqwalasela inyanga yoKwindla njengeNyanga yamaLungelo oLuntu, kwaye esi sikhumbuzo salo nyaka sibanjwa phantsi komxholo othi “ImiNyaka engaMashumi amaThathu yokuHlonipha nokuPhakanyiswa kwamaLungelo oLuntu”. UMgaqosiseko welizwe uqinisekisa abemi balo ngamalungelo aliqela, kuquka nelungelo lokusebenzisa ulwimi abalukhethayo. Ngelishwa, eli lungelo lisoloko lingahoywa, ngaphandle kokubaluleka kwalo ekubumbeni amandla ezopolitiko nawezentlalo noqoqosho. Ulwimi […]
ISIHLOKOMISO SOKUTYUMBELA ULUNTU KWIIBHODI ZABALAWULI BAMAZIKO OCHAZOMAGAMA ESIZWE

UMthetho iPan South African Language Board Act (No. 59 wowe1995, njengoko wenziwe izilungiso), kwiCandelo 8(8)(c), uvumela iPanSALB ukuba imisele amaZiko oChazomagama eSizwe (NLUs) ukuba aphuhlise izichazimagama ezilwiminye zolwimi ngalunye. IiNLU zikhuthaza ukuphuhliswa kweelwimi ngokwenza izichazimagama nezinye iimveliso ngeelwimi ezimiselwe zona ezisemthethweni eMzantsi Afrika. La maziko asebenza njengeenkampani ngokwemiqathango nezimiso zomthetho iCompanies Act (No. 71 wama2008). […]
ISIHLOKOMISO SOKUTYUMBELA ULUNTU KWIIBHODI ZEELWIMI ZESIZWE (NLBs)

IBhodi yeeLwimi yoMzantsi Afrika (PanSALB) yenza isimemo ukuba abantu, ingakumbi abo banxulumene namaqumrhu okanye amazikomfundo enomsila, awezenkcubeko, awezemveli nawoluntu ngokubanzi, abanomdla kwimicimbi yeelwimi, ukuba batyumbe abantu abanokunyulelwa kwiiBhodi zeeLwimi zeSizwe (NLBs) zePanSALB zeelwimi ezisemthethweni (iSipedi/Sesotho sa Leboa, iSisutho, iSitswana, iSiswati, iTshivenda, iXitsonga, isiBhulu, isiNgesi, isiNdebele, isiXhosa, isiZulu, noLwimi lweMiqondiso loMzantsi Afrika) neelwimi zesiQhakancu (iilwimi zamaKhoe […]
ISIHLOKOMISO SOKUTYMBELA ULUNTU UKUBA LUBE NGAMALUNGU EEKOMITI YEELWIMI LEPHONDO (PLC) YEPanSALB, NORTH WEST

UMphathiswa weSebe lezoBugcisa, iNkcubeko, ezeMidlalo noLonwabo libambisene neBhodi yeeLwimi yoMzantsi Afrika (PanSALB) imema uluntu kuchongo lwabalungele ukuba ngamalungu eKomiti yoLwimi ePhondweni. Abatyunjwa kufuneka bathethe iilwimi ezisemthethweni zephondo abatyunjelwa kulo, kubandakanya iilwimi zesiqhakankcu (ezamaKhoi namaSan), uLwimi lweMiqondiso loMzantsi Afrika nezinye iilwimi ezililifa lemveli kwiphondo njengoko kunikwe ingqalelo kwicandelo 6(5) loMgaqosiseko. Ixesha lokuba kwiPLC yiminyaka emihlanu ukususela […]
Umtyangampo weminyaka engamakhulu amabini isiXhosa sabhalwayo: imingeni namathuba!

© Xolisa Tshongolo 09 kweyeNkanga 2023 Monti IsiXhosa lulwimi lwesibini oluthethwa sisininzi seli lizwe loMzantsi Afrika. Sithethwa ngumyinge 16,3% yabantu beli lizwe (Stats SA 2022). Lulwimi olusemthethweni kumaphondo iMpuma Koloni, iNtshona Koloni, KwaZulu- Natala, Mntlakoloni, Freyistata, Rhawutini, naseMntlantshona. IsiXhosa lulwimi lokuqala ukubhalwa kwiilwimi zabantsundu (Mtuze & Tena 1995). Imbali ithi amalinge okuqala okulubhala aqaliswa […]
IPANSALB IPHAWULA USUKU LOKUGUQULELA LWAMAZWE NGAMAZWE KWIYUNIVESITHI YESOL-PLAATJE

INGXELO KOONONDABA MAYIKHUTSHWE NGOKO NANGOKO 10 EYEDWARHA 2023, EPITOLI IPANSALB IPHAWULA USUKU LOKUGUQULELA LWAMAZWE NGAMAZWE KWIYUNIVESITHI YESOL-PLAATJE IBhodi yeeLwimi Zonke yasemZantsi Afrika (iPanSALB) iza kube iphawula uSuku loGuqulela laMazwe ngaMazwe kwiDyunivesithi yaseSol-Plaatje eKimberly, eMntla Koloni, ngoLwesine, umhla we12 kweyeDwarha ngowama2023. Lo msitho ubanjwe ngentsebenziswano neSebe lezeMidlalo, ubuGcisa neNkcubeko, […]
IPanSALB IBHIYOZELA UKUGQIBA IMINYAKA 200 ISIXHOSA SAQALAYO UKUBHALWA

INGXELO KOONONDABA MAYIKHUTSHWE NGOKO NANGOKO 04 MSINTSI 2023, EPITOLI IPanSALB IBHIYOZELA UKUGQIBA IMINYAKA 200 ISIXHOSA SAQALAYO UKUBHALWA Unyaka wama2023 wenza iminyaka engma200 isiXhosa saqalayo ukubhalwa, ulwimi oluthethwa ngabantu abaphantse babe8,154,258 eMzantsi Afrika. Ngomhla we6 kweyoMsintsi 2023 iBhodi yeeLwimi yoMzantsi Afrika (PanSALB) iza kwenza isikhumbuzo sale mpumelelo iyimbali ngokuthi ithathe uhambo lokunyathela […]
IPANSALB IZAKUBE ISINGATHE UKHUPHISWANO LWESIXHOSA LWEBANGA LESI4

INGCEBISO NGOPAPASHO LWENDABA UKUKHULULWA KWANGOKO 23 EYOMDUMBA 2023, EPITOLI IPANSALB IZAKUBE ISINGATHE UKHUPHISWANO LWESIXHOSA LWEBANGA LESI4 Unyaka wokubhiyozela uSuku lweHlabathi loLwimi lweNkobe (IMLD), iBhodi yeeLwimi zoMzantsi Afrika (iPanSALB) iofisi yephondo leNtshona Koloni ibambisene neZiko loLondolozo lweMbali yoMzantsi Afrika, iYunivesithi yeTekhnoloji yase-Cape Peninsula, iKomiti yeeLwimi yaseNtshona Koloni kunye noRhulumente weNtshona Koloni. ziza kusingatha ukhuphiswano lopelomagama […]